18 Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa.
19 Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune;
20 esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude;
21 esizweni sakwaBhenjamin, nguElidade unyana kaKiselon;
22 esizweni soonyana bakaDan, sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli;
23 koonyana bakaYosefu, esizweni soonyana bakaManase, sisikhulu esinguHaniyeli, unyana kaEfodi;
24 esizweni soonyana bakaEfrayim, sisikhulu esinguKemuweli, unyana kaShifitan;