7 Woba ngulo umda wenu wangasentla: nothabathela elwandle olukhulu, nizisikele intaba yeHore;
8 nithabathele entabeni yeHore, nisike niye eHamati; ukuphuma komda, uye eTsedada;
9 uphume umda uye eZifron; ukuphuma kwawo ume eHatsare-enan. Ngumda wenu wangasentla ke lowo.
10 Nozisikela umda wasempumalanga, nithabathele eHatsare-enan, nise eShefam;
11 uhle umda eShefam, uye eRibhela, ngasempumalanga eAyin; uhle umda uthane nqiphu negxalaba loLwandle lwaseKinerete ngasempumalanga;
12 umda uhle iYordan; ukuphuma kwawo kume ngoLwandle lweTyuwa. Loba lilizwe lenu elo, ngokwemida yalo ngeenxa zonke.
13 UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo elo ilizwe enolabelwa ngeqashiso, awisé umthetho ngalo uYehova wokuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.