12 Yoba yimizi yenu yokusaba kumphindezeli, angafi umbulali, ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe.
13 Ke imizi enobanika yoba yimizi yenu yokusabela emithandathu.
14 Nganeno kweYordan nobanika imizi emithathu; ezweni lakwaKanan nobanika imizi emithathu, ibe yimizi yokusabela.
15 Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.
16 Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo.
17 Ukuba uthe wambetha ngelitye elisesandleni, angáfayo ngalo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
18 Nokuba uthe wambetha ngento engumthi osesandleni, angáfayo ngayo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.