4 Amadlelo emizi enobanika abaLevi othabathela eludongeni lomzi ase ngaphandle, abe ziikubhite* eziliwaka ngeenxa zonke;
5 nilinganise nithabathela ngaphandle komzi, icala lasempumalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasezantsi libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala lasentshonalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasentla libe ziikubhite ezingamawaka amabini, umzi ube sesazulwini. Lawo oba ngamadlelo emizi yabo.
6 Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amané anambini.
7 Yonke imizi enobanika yona abaLevi yoba yimizi engamashumi amané anesibhozo, anamadlelo ayo.
8 Imizi enobanika enzuzweni yoonyana bakaSirayeli noyenza mininzi kwesininzi, niyenze mincinane kwesincinane; eso isizwe, ngokomlinganiso welifa laso esiya kulidla, sóbanika abaLevi emizini yaso.
9 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
10 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nafika ezweni lakwaKanan,