4 Ukuba úthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo* koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifa lazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.
5 Wabawisela ke uMoses umthetho oonyana bakaSirayeli ngokomlomo kaYehova, esithi, Isizwe soonyana bakaYosefu silungisile ukuthetha.
6 Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise;
7 ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.
8 Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise,
9 ukuze oonyana bakaSirayeli babe nalo elowo ilifa looyise; ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liye sizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.
10 Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi.