23 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
24 Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala:
25 bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,
26 namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo.
27 Wóba ngokomlomo ka-Aron noonyana bakhe wonke umsebenzi woonyana bakaGershon, ekuthwaleni kwabo konke nasekusebenzeni kwabo konke, nibenze bavelele bakugcine konke ukuthwala kwabo.
28 Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
29 Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,