31 Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo,
32 neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.
33 Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari, ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
34 OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
35 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
36 Ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu.
37 Ngabo abo ababalwáyo kwimizalwane yakwaKehati; bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.