3 oyindoda noyinkazana, nobakhuphela phandle kweminquba, bangayenzi inqambi iminquba yabo, endihleli phakathi kwayo.
4 Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, babakhuphela phandle kweminquba; njengoko uYehova wathethayo kuMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
5 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
6 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,
7 mabasixele isono sabo abasenzileyo, owonileyo alihlambe ityala lakhe ngangenani lalo, ongeze isahlulo salo sesihlanu kulo, anike lowo anetyala kuye.
8 Ukuba umntu lowo uthe akaba namzalwana kungahlawulwa kuye ukuhlamba ityala, ityala elo malihlawulelwe uYehova, kumbingeleli, ngaphandle kwenkunzi yemvu yokucamagusha, aya kucanyagushelwa ngayo.
9 Wonke umrhumo weento zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, abawusondezayo kumbingeleli, woba ngowakhe.