12 Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingàbalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.
13 Nguwo lo umnyalelo wozahluleyo: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yokuzahlula kwakhe, woziswa emnyango wentente yokuhlangana.
14 Aze asondeze umsondezo wakhe kuYehova, imvana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini elinyukayo; nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu egqibeleleyo, ibe nye, ibe ngumbingelelo woxolo;
15 nengobozi yemiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli; nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswé ioli; neminikelo yawo yokudla, neminikelo yawo ethululwayo.
16 Wosondeza ke umbingeleli phambi koYehova, enze idini lakhe lesono nedini lakhe elinyukayo;
17 inkunzi yemvu ayenze umbingelelo woxolo kuYehova, kunye nengobozi yezonka ezingenagwele; awenze umbingeleli umnikelo wakhe wokudla, nomnikelo wakhe othululwayo.
18 Womcheba ozahluleyo intloko yokuzahlula kwakhe emnyango wentente yokuhlangana, athabathe iinwele zentloko yokuzahlula kwakhe, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo woxolo.