18 Womcheba ozahluleyo intloko yokuzahlula kwakhe emnyango wentente yokuhlangana, athabathe iinwele zentloko yokuzahlula kwakhe, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo woxolo.
19 Wowuthabatha umbingeleli umkhono ophekiweyo wenkunzi yemvu, nomqhathane ongenagwele ube mnye engobozini, nesonkana esisicaba esingenagwele sibe sinye, azibeke ezandleni zozahluleyo, emva kokuyicheba intloko yokuzahlula kwakhe;
20 azitshangatshangise umbingeleli, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova. Zingcwele ezo kumbingeleli, kunye nencum yedini lokutshangatshangisa, kunye nomlenze womrhumo. Emveni koko ozahluleyo angàyisela iwayini.
21 Nguwo lowo umyalelo wozahluleyo, obhambathisa umsondezo wakhe kuYehova ngenxa yokuzahlula kwakhe, ngaphandle koko sinokufikelela kuko isandla sakhe; ngokwesibhambathiso sakhe abesibhambathisile, makenjenjalo ngokomyalelo wokuzahlula kwakhe.
22 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
23 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo,
24 Makakusikelele uYehova, akugcine;