23 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo,
24 Makakusikelele uYehova, akugcine;
25 Makabukhanyise uYehova ubuso bakhe kuwe, akubabale;
26 Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.
27 Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaSirayeli; mna ndiya kubasikelela.