9 Xa kuthe kwafa ubani ngakuye ngephanyazo ngesiquphe, wayenza inqambi intloko yokuzahlula kwakhe, wóyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe, ayichebe ngomhla wesixhenxe.
10 Ngomhla wesibhozo maze azise amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana.
11 Umbingeleli wolenza elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, amcamagushele, ngokokuba wonile ngofileyo; ayingcwalise intloko yakhe ngaloo mhla.
12 Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingàbalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.
13 Nguwo lo umnyalelo wozahluleyo: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yokuzahlula kwakhe, woziswa emnyango wentente yokuhlangana.
14 Aze asondeze umsondezo wakhe kuYehova, imvana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini elinyukayo; nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu egqibeleleyo, ibe nye, ibe ngumbingelelo woxolo;
15 nengobozi yemiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli; nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswé ioli; neminikelo yawo yokudla, neminikelo yawo ethululwayo.