84 Kuko oko ukusungulwa kwesibingelelo, mini sathanjiswa zizikhulu zakwaSirayeli. Zaba lishumi elinazibini izitya zesilivere, zalishumi elinazibini izitya zokutshiza zesilivere, zalishumi elinambini iinkamba zegolide.
85 Salikhulu elinamanci mathathu eeshekele isitya sesilivere sisinye, sangamashumi osixhenxe eeshekele isitya sokutshiza sisinye; iyonke isilivere yezo mpahla yaba ngamawaka amabini, anamakhulu mané, ngokweshekele yengcwele.
86 Zaba lishumi elinambini iinkamba zegolide, zizele sisiqhumiso, zalishumi iishekele kukhamba lulunye ngokweshekele yengcwele; iyonke igolide yeenkamba yaba likhulu elinamanci mabini.
87 Zizonke iinkomo zedini elinyukayo zaba ziinkunzi ezintsha ezilishumi elinambini, neenkunzi zezimvu zaba lishumi elinambini, neemvana ezimnyaka mnye zaba lishumi elinambini, neminikelo yazo yokudla; neenkunzi zeebhokhwe ezixhonti zedini lesono zaba lishumi elinambini.
88 Zonke iinkomo zombingelelo woxolo zaye zingamashumi omabini anané, iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu zaba ngamashumi omathandathu, neebhokhwe zaba ngamashumi omathandathu, neemvana ezimnyaka mnye zaba ngamashumi omathandathu. Kuko oko ukusungulwa kwesibingelelo, emveni kokuthanjiswa kwaso.
89 Ke ekungeneni kukaMoses ententeni yokuhlangana, ukuba athethe naye, weva izwi lithetha kuye, livela esihlalweni sokucamagusha esiphezu kwetyeya yesingqino, phakathi kweekerubhi zombini; wathetha ke yena kuye.