11 Boyenza ngenyanga yesibini, ngomhla weshumi elinesiné, lakutshona ilanga, kunye nezonka ezingenagwele bayidle inemithana ekrakra;
12 bangasalisi nto kuyo kude kuse, bangaphuli thambo layo. Boyenza ngokommiselo wonke wepasika.
13 Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe.
14 Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo; ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe.
15 Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa.
16 Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku.
17 Kube kusithi, lingànyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli.