3 Noyenza ngomhla weshumi elinesiné kuloo nyanga, lakutshona ilanga, ngexesha layo elimisiweyo. Noyenza ngokwemimiselo yayo yonke, nangokwamasiko ayo onke.
4 Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli, ukuba bayenze ipasika.
5 Bayenza ke ipasika ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesiné, lakutshona ilanga, entlango yaseSinayi. Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
6 Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla;
7 athi loo madoda kuye, Siziinqambi ngomntu ofileyo; sivalelwa ngani na, ukuba singasondezi umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo phakathi koonyana bakaSirayeli?
8 Wathi uMoses kuwo, Yimani, khe ndive ukuba uYehova wowisa mtetho mni na ngani.
9 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,