18 Úlilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe.Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam;Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.
19 Ndibizé izithandane zam, zandikhohlisa zona;Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi,Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.
20 Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila;Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela;Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.
21 Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli;Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwé nguwe.Ùyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
22 Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo,Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke;Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.