1 Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu; kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade;
2 ngokuba engàbakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.
3 Kwathi bakuva umyalelo lowo, bawahlula wonke umxube kumaSirayeli.
4 Ke kaloku phambi koko, uEliyashibhi umbingeleli, obemiswe phezu kwamagumbi endlu kaThixo wethu, wazalamanisa noTobhiya,
5 wamenzela igumbi elikhulu, apho bekufudula kubekwa khona umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe, nempahla, nezishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe abaLevi neemvumi nabamasango; nemirhumo yababingeleli.