4 Bekukho nababesithi, Siboleké imali yokurhafela ukumkani, ngokubambisa ngamasimi ethu nezidiliya zethu.
5 Kaloku inyama yethu ikwanjengenyama yabazalwana bethu, noonyana bethu bakwanjengoonyana babo; ukanti siyabanyanzela oonyana bethu neentombi zethu, ukuba babe ngamakhoboka; ezintombini zethu kukho nesezinyanzelwe; akukho mandla esandleni sethu, amasimi ethu nezidiliya zethu zizezabanye nje.
6 Wavutha ke kakhulu umsindo wam, ndakukuva ukukhala kwabo, naloo mazwi.
7 Ndafuna iqhinga entliziyweni yam, ndabambana nabanumzana nabaphathi, ndathi kubo, Niyadlana ngokuboleka. Ndabamisela ibandla elikhulu, ndathi kubo,
8 Thina, ngangoko sinako, sibathengile sabakhulula abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga. Niya kusuka ke nina nithengise na ngabazalwana benu, ukuze bathengise ngeziqu zabo kuthi?Bathi cwaka, àbafumana lizwi lakuphendula.
9 Ndathi, Ayilungile le nto niyenzayo; nibe ningafanele na ukuhamba ekoyikeni uThixo wethu, ngenxa yokungcikiva kweentlanga eziziintshaba zethu?
10 Kananjalo mna, abazalwana bam, namadodana akwam, sibaboleké imali nengqolowa; makhe sikuyeke oku kuboleka ngokubambisa.