7 Kananjalo ùmise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko ke kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza ke ngoko, sicebisane.
8 Ndathumela kuye, ndathi, Akukho nto injengaleyo uyithethayo, iyiloo nto uyicamngce entliziyweni yakho.
9 Ngokuba bonke bephela bebesoyikisa, besithi, Izandla zawo ziya kuwuyeka lo msebenzi, ungènziwa. Ngoko, Thixo, zomeleze izandla zam.
10 Ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya, unyana kaMehetabheli, evalelwe; wathi, Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile, sizivale iingcango zetempile leyo; ngokuba baza kukubulala; ebusuku baya kuza kukubulala.
11 Ndathi, Kubáleke indoda enjengam nje na? Yiyiphi na enjengam eya kungena etempileni isinde? Andiyi kungena.
12 Ndaqonda: O! AsinguThixo lo umthumileyo; isiprofeto esi usithethé ngam ngokuqeshwa nguSanebhalati noTobhiya.
13 Ubeqeshelwe ukuze ndoyike, ndenze loo nto, ndone; ndibe negama elibi kubo, ukuze bandingcikive.