1 Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wathi,
2 UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona oonyana bakaSirayeli.
3 Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses.
4 Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu.
5 Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya.