Uyoshuwa 5 XHO75

1 Kwathi, xenikweni bevayo bonke ookumkani bama-Amori, ababephesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababengaselwandle, ukuba uYehova wenzé ukuba atshe amanzi eYordan phambi koonyana bakaSirayeli, bada bawela; zasuka zanyibilika iintliziyo zabo, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kubo phambi koonyana bakaSirayeli.

Uhlaziyo lolwaluko

2 Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa, Zenzele iintshengece, uphinde okwesibini ukubalùsa oonyana bakaSirayeli.

3 Wazenzela ke uYoshuwa iintshengece, wabalùsa oonyana bakaSirayeli endulini yenyama yokwalùswa.

4 Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse: bonke abantu ababephume eYiputa bengamadoda, onke amadoda okulwa, afela entlango endleleni, ekuphumeni kwawo eYiputa.

5 Kuba baye balukile bonke abantu abo baphumáyo; ke bonke abantu ababezalelwe entlango endleleni, ekuphumeni kwabo eYiputa, babengalukanga.

6 Kuba oonyana bakaSirayeli bahamba iminyaka emashumi mané entlango, lwada lwaphela lonke uhlanga olungamadoda okulwa awaphumayo eYiputa, angaliphulaphulanga izwi likaYehova; awawafungelayo uYehova ukuba akayi kuwabonisa elo zwe, walifungela ooyise ukuba uya kusinika, ilizwe elibaleka amasi nobusi.

7 Ke oonyana babo, awabavelisayo esikhundleni sabo, wabalùsa bona uYoshuwa; kuba babengalukile, ngokuba babengabalùsanga endleleni.

8 Kwathi bakuba belugqibile ukulwalùsa lonke uhlanga, bahlala endaweni yabo eminqubeni bada baphola.

9 Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhla ingcikivo yeYiputa ndiyiqengqile, yesuka kuni; kwathiwa igama laloo ndawo yiGiligali* unanamhla.

Ukwenziwa kwepasika

10 Bamisa iintente oonyana bakaSirayeli eGiligali, benza ipasika ngosuku lweshumi elinesiné lwenyanga, ngokuhlwa, ezinkqantosini zaseYeriko.

11 Badla iziveliso zelo zwe ngengomso lepasika, izonka ezingenagwele namakhweba, ngenkqu yayo loo mini.

12 Yaphela imana* ngengomso, emva kokudla kwabo iziveliso zelo zwe; ababa saba namana oonyana bakaSirayeli; badla ungeniselo lwelo zwe lakwaKanan ngaloo mnyaka.

13 Kwathi, xa ebeseYeriko, uYoshuwa wawaphakamisa amehlo akhe, wakhangela, wabona kumi indoda malunga naye, ithe rhuthu ikrele layo ngesandla. Waya uYoshuwa kuyo, wathi kuyo, Ùngakúthi, ùngakwiintshaba zethu, kusini na?

14 Yathi, Hayi, ndingumthetheli womkhosi kaYehova; ndifikile ngoku. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe emhlabeni, waqubuda, wathi kuyo, Ithetha ntoni na ke inkosi yam kumkhonzi wayo?

15 Wathi umthetheli womkhosi kaYehova kuYoshuwa, Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho; kuba loo ndawo umi kuyo ingcwele. Wenjenjalo uYoshuwa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24