Uyoshuwa 12 XHO75

Uluhlu lookumkani aboyiswayo

1 Ngabo ke aba ookumkani belizwe, ababulawáyo ngoonyana bakaSirayeli, balihlutha ilizwe labo phesheya kweYordan ngasempumalanga, bethabathela emlanjaneni oyiArnon, besa entabeni yeHermon, neArabha yonke ngasempumalanga:

2 nguSihon ukumkani wama-Amori, obehleli eHeshbhon, elawula ethabathela eArohere engasemlanjaneni oyiArnon, naphakathi kwesihlambo, nasesiqingatheni seGiliyadi, wesa emlanjaneni oyiYabhoki, engumda woonyana baka-Amon;

3 neArabha, wesa elwandle lwaseKidneroti ngasemumalanga, wesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa ngasempumalanga, ngendlela yeBhete-yeshimoti; nasezantsi, phantsi kwamaxandeka asePisga.

4 Bahlutha necala likaOgi ukumkani waseBhashan, owayesele kumaRafa, obehleli eAshtaroti nase-Edreyi,

5 elawula entabeni yeHermon naseSaleka, nakwiBhashan yonke, wesa emdeni wamaGeshuri, namaMahakati, nesiqingatha seGiliyadi, umda kaSihon ukumkani waseHeshbhon.

6 UMoses, umkhonzi kaYehova, noonyana bakaSirayeli bababulala abo. UMoses, umkhonzi kaYehova, walinika lamiwa ngamaRubhen, nangamaGadi, nesiqingatha sesiwe sakwaManase.

7 Ngabo aba ookumkani belizwe, awababulaláyo uYoshuwa noonyana bakaSirayeli nganeno kweYordan ngasentshonalanga, ethabathela eBhahali-gadi entilini yeLebhanon, wesa ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyukayo ziye kwaSehire; uYoshuwa walinika izizwe zakwaSirayeli,

8 zema kulo ngokweentlantlu zazo, ezintabeni, nasezihlanjeni, naseArabha, nasemaxandekeni, nasentlango, nakwelasezantsi: amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi:

9 ngukumkani waseYeriko, emnye; ngukumkani waseAyi, engecala leBheteli, emnye;

10 ngukumkani waseYerusalem, emnye; ngukumkani waseHebron, emnye;

11 ngukumkani waseYarmuti, emnye; ngukumkani waseLakishe, emnye;

12 ngukumkani wase-Eglon, emnye; ngukumkani waseGezera, emnye;

13 ngukumkani waseDebhiri emnye; ngukumkani waseGedere, emnye;

14 ngukumkani waseHorma, emnye; ngukumkani waseArade, emnye;

15 ngukumkani waseLibhena, emnye; ngukumkani waseAdulam, emnye;

16 ngukumkani waseMakeda, emnye; ngukumkani waseBheteli, emnye;

17 ngukumkani waseTapuwa, emnye; ngukumkani waseHefere, emnye;

18 ngukumkani waseAfeki, emnye; ngukumkani waseLasharon, emnye;

19 ngukumkani waseMadon, emnye; ngukumkani waseHatsore, emnye;

20 ngukumkani waseShimron-merom, emnye; ngukumkani waseAkeshafi, emnye;

21 ngukumkani waseTahanaki, emnye; ngukumkani waseMegido, emnye;

22 ngukumkani waseKedeshe, emnye; ngukumkani waseYokeneham eKarmele, emnye;

23 ngukumkani waseDore ezindulini zeDore, emnye; ngukumkani wamaGoyi eGiligali, emnye;

24 ngukumkani waseTirtsa, emnye.Bonke ookumkani abo ngamashumi omathathu anamnye.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24