Uyoshuwa 14 XHO75

Ilifa lezizwe ezilithoba elinesiqingatha labiwa ngeqashiso

1 Ngawo ke la amafa abawabelwayo oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan, abawabelwa nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli,

2 ngeqashiso lelifa labo, njengoko uYehova wawisa umthetho ngesandla sikaMoses, elezizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.

3 Kuba uMoses ebezinikile ilifa izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe, phesheya kweYordan; ke abaLevi akabanikanga lifa phakathi kwazo.

4 Ngokuba oonyana bakaYosefu babezizizwe ezibini, uManase noEfrayim; ke abaLevi ababanikanga sabelo ezweni elo, babanika kuphela imizi yokuhlala, namadlelo ayo emfuyo yabo nempahla yabo.

5 Njengoko uYehova wamwiselayo uMoses umthetho, benjenjalo oonyana bakaSirayeli, balaba ilizwe.

UKalebhi unikwa iHebron

6 Basondela oonyana bakaYuda kuYoshuwa eGiligali. Wathi uKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, kuye, Ùyalazi wena ilizwi awalithethayo uYehova kuMoses umntu kaThixo, ngenxa yam nangenxa yakho, eKadeshe-bharneha.

7 Ndandiminyaka imashumi mané ndizelwe, ekususweni kwam nguMoses umkhonzi kaYehova, eKadeshe-bharneha, ukuba ndiye kulihlola ilizwe; ndambuyisela ilizwi njengoko bekusentliziyweni yam.

8 Abazalwana bam, abanyukáyo nam, bayinyibilikisa intliziyo yabantu; ke mna ndakuzalisa ukumlandela uYehova uThixo wam.

9 Wafunga ke uMoses ngaloo mini, esithi, Inene, ilizwe elinyathelwe lunyawo lwakho loba lilifa lakho, neloonyana bakho, kude kuse ephakadeni, ngokuba ukuzalisile ukumlandela uYehova uThixo wam.

10 Khangela ke ngoko, uYehova undisindisile njengoko watshoyo, le minyaka imashumi mané anamihlanu, kususela koko walithethayo uYehova elo lizwi kuMoses, oko amaSirayeli abehamba entlango; yabona ke, ngoku namhla ndiminyaka imashumi asibhozo anamihlanu ndizelwe.

11 Ndisomelele nanamhla, kwanjengamini wandithumayo uMoses; njengoko ayenjalo amandla am oko, asenjalo nangoku amandla am okulwa, kwaawokuphuma nawokubuya.

12 Ke ngoko ndinike ezo ntaba wathetha zona uYehova ngaloo mini; ngokuba weva wena ngaloo mini ukuba ama-Anaki akhona, imizi yawo mikhulu, inqatyisiwe. Mhlawumbi uYehova woba nam, ndiwagqogqe ke, njengoko watshoyo uYehova.

13 UYoshuwa wamsikelela, wamnika iHebron uKalebhi unyana kaYefune, ukuba ibe lilifa.

14 Ngenxa yoko iHebron yaba lilifa likaKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, unanamhla; ngenxa enokuba wazalisayo ukumlandela uYehova, uThixo kaSirayeli.

15 Igama laseHebron ngenxa engaphambili laliyi-Kiriyati ka-Arbha, umntu omkhulu phakathi kwama-Anaki ke. Lazola ilizwe akwabakho mfazwe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24