1 Ke kaloku uYoshuwa wayeseleyinoda enkulu, eselekhulile; wathi uYehova kuye, Wena useluyindoda enkulu, uselukhulile; ke ilizwe elisaseleyo lokuhluthwa liselininzi kunene.
2 Lilo eli ilizwe elisaseleyo: yonke imimandla yamaFilisti, neyamaGeshuri onke,
3 ithabathela eShihore ephambi kweYiputa, ise emdeni wase-Ekron ngasentla ebalelwa kwakumaKanan; eyezikhulu zozihlanu zamaFilisti: eyabaseGaza, neyabaseAshdode, neyabaseAshkelon, neyabaseGati, neyabase-Ekron, neyabaseAvi ngasezantsi;
4 lonke ilizwe lamaKanan, nomqolomba ongowamaTsidon, lise eAfeka, lise emdeni wama-Amori;
5 nelizwe lamaGebhali, neLebhanon yonke ngasempumalanga, lithabathela eBhahali-gadi phantsi kwentaba yeHermon, ude uye eHamati;
6 bonke abemi beentaba, kuthabathela eLebhanon kuse eMisrefoti-mayim, onke amaTsidon; endiya kubagqogqa phambi koonyana bakaSirayeli. Wòthi ke wena ulabele amaSirayeli ngeqashiso ukuba libe lilifa, njengoko ndakuwiselayo umthetho.
7 Ke ngoko lâbe eli lizwe libe lilifa kwizizwe ezisithoba, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,