25 Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi,
26 neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati.
27 Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo;
28 neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu.
29 Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe;
30 neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo.
31 Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.