12 Kaloku khanindifungele uYehova, nithi, kuba ndinenzele inceba, niyenzele inceba nani indlu kabawo, nindinike umqondiso wenyaniso;
13 nimsindise ubawo, noma, nabanakwethu, noodade bethu, neento zonke abanazo, niyihlangule imiphefumlo yethu ekufeni.
14 Athi kuyo amadoda lawo, Umphefumlo wethu wofa esikhundleni sowenu, ukuba aniyixelanga le nto yethu; kothi ekunikweni kwethu eli lizwe nguYehova, sikwenzele inceba nenyaniso.
15 Yawahlisa ke ngentsontelo ngefestile; kuba indlu yayo yabe iseludongeni lomzi; yayihleli eludongeni.
16 Yathi kuwo, Yiyani entabeni, hleze baqubisane nani abo banisukelayo; zimelani khona iintsuku zibe ntathu, bade babuye abo banisukelayo, nandule ke ukuhamba indlela yenu.
17 Athi kuyo amadoda lawo, Soba msulwa kwesi sifungo sakho usifungise sona.
18 Uyabona, sákufika kweli lizwe, wobopha intsontelo yosinga olu lubomvu efestileni le usihlise ngayo; uhlanganisele kuwe endlwini yakho uyihlo, nonyoko, nabanakwenu, nendlu yonke kayihlo.