5 Abanye oonyana bakaKehati bafumana ngeqashiso imizi elishumi emizalwaneni yesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase.
6 Oonyana bakaGershon bafumana ngeqashiso imizi elishumi elinamithathu emizalwaneni yesizwe sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase eBhashan.
7 Oonyana bakaMerari, ngokwemizalwane yabo, bafumana imizi elishumi elinamibini esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon.
8 Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi ngeqashiso loo mizi namadlelo ayo, njengoko uYehova wawisayo umthetho ngesandla sikaMoses.
9 Babanika esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, yona le mizi ibizwa ngegama layo;
10 yaba yeyoonyana baka-Aron emizalwaneni yamaKehati, koonyana bakaLevi; ngokuba laba lelabo iqashiso lokuqala.
11 Babanika umzi ka-Arbha, uyise ka-Anaki (ngowaseHebron ke lowo), ezintabeni zakwaYuda, namadlelo ayo ngeenxa zonke.