9 Babanika esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, yona le mizi ibizwa ngegama layo;
10 yaba yeyoonyana baka-Aron emizalwaneni yamaKehati, koonyana bakaLevi; ngokuba laba lelabo iqashiso lokuqala.
11 Babanika umzi ka-Arbha, uyise ka-Anaki (ngowaseHebron ke lowo), ezintabeni zakwaYuda, namadlelo ayo ngeenxa zonke.
12 Ke amasimi aloo mzi, nemizana yawo, bawanika uKalebhi unyana kaYefune ukuba abe ngawakhe.
13 Oonyana baka-Aron umbingeleli babanika owaseHebron nedlelo lawo, umzi ke wokusabela umbulali, neLibhena nedlelo layo,
14 neYatire nedlelo layo, ne-Eshtemowa nedlelo layo,
15 neHolon nedlelo layo, neDebhiri nedlelo layo,