10 nento yonke awayenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, kuSihon ukumkani waseHeshbhon, nakuOgi ukumkani waseBhashan obeseAshtaroti.
11 Atsho kuthi amadoda amakhulu, nabemi bonke belizwe lakowethu, ukuthi, Phathani ezandleni zenu umphako wendlela, niye kuwakhawulela, nithi kuwo, Singabakhonzi benu; simiseleni ngoko umnqophiso.
12 Esi sisonka sethu sasenza umphako wethu sishushu ezindlwini zethu, ngomhla wokuphuma kwethu ekhaya ukuza kuni; ngoku nasi somile, singundile;
13 iintsuba ezi zewayini sazizalisa zísentsha; nanzi zíkrazukile; nanzi neengubo zethu, neembadada zethu, zonakele ngobude bendlela.
14 Acaphula ke amadoda emphakweni wabo, akabuza cebo emlonyeni kaYehova.
15 Wenza uxolo nabo uYoshuwa, wabamisela umnqophiso wokubasindisa; zabafungela nezikhulu zalo ibandla.
16 Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu emveni kokuba bebamisele umnqophiso, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba bahleli kwaphakathi kwabo.