5 neembadada ezonakeleyo, ezixoliweyo, ezinyaweni zabo; bambatha neengubo ezonakeleyo; nesonka sonke somphako wabo besomile, besingundile kunene.
6 Beza kuYoshuwa emkhosini eGiligali, bathi kuye nakumadoda akwaSirayeli, Sivela ezweni elikude; simiseleni ngoko umnqophiso.
7 Athi amadoda akwaSirayeli kumaHivi lawo, Hi, kanti nikwahleli phakathi kwethu; sòthini na ukunimisela umnqophiso?
8 Bathi kuYoshuwa, Singabakhonzi bakho. Wathi uYoshuwa kubo, Ningoobani na, nivela phi na?
9 Bathi kuye, Bavela kwelikude kakhulu ilizwe abakhonzi bakho, ngenxa yegama likaYehova uThixo wakho; kuba siluvile udumo lwakhe, nento yonke awayenzayo eYiputa;
10 nento yonke awayenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, kuSihon ukumkani waseHeshbhon, nakuOgi ukumkani waseBhashan obeseAshtaroti.
11 Atsho kuthi amadoda amakhulu, nabemi bonke belizwe lakowethu, ukuthi, Phathani ezandleni zenu umphako wendlela, niye kuwakhawulela, nithi kuwo, Singabakhonzi benu; simiseleni ngoko umnqophiso.