12 Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzímela egameni likaYehova.
13 Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo.
14 Memelela, ntombi inguZiyon: duma, Sirayeli; vuya, udlamke ngentliziyo yonke, ntombi inguYerusalem.
15 UYehova ukususile ukugwetywa kwakho, úzidedisile iintshaba zakho; ukumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho; akusayi kuba sabona bubi.
16 Ngaloo mini baya kuthi kwiYerusalem, Musa ukoyika; Ziyon, mazingawi izandla zakho.
17 UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha elisindisayo; únemihlali ngawe, enovuyo; úthe cwaka eluthandweni lwakhe, ugcoba ngawe ememelela.
18 Ndiya kubahlanganisa abalilela umthendeleko, bengabakuni; ingcikivo ibaphethe.