2 Sathi kum, Ùbona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite* ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishuminye.
3 Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebàyo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungàyo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.
4 Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.
5 Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.
6 Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa* leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.
7 Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.
8 Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.