Uzekariya 9 XHO75

Ukugwetywa kweentlanga ezingabamelwana

1 Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli;

2 kwaneHamati ehlangene nayo ngomda; iTire neTsidon, nakuba zilumkile kakhulu.

3 ITire yazakhela inqaba, yafumba isilivere njengothuli, negolide njengodaka lwezitrato.

4 Yabona, iNkosi iya kuyihlutha, ibubethe ubuhandiba bayo elwandle, yona itshiswe ngumlilo.

5 IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa.

6 Kuya kuhlala imigqakhwe eAshdode, ndinqumle iqhayiya lamaFilisti.

7 Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.

8 Ndoyinqabisa indlu yam kumkhosi, kodlulayo nakobuyayo, kungabi sacanda mkhandanisi kubo; ngokuba ngoku ndibonile ngamehlo am.

Ulawulo oluxolileyo loKumkani weZiyon

9 Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilùngisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxweni, etholeni lemazi yeesile.

10 Ndozinqumla iinqwelo zokulwa kwaEfrayim namahashe eYerusalem, sinqunyulwe isaphetha sokulwa; athethe uxolo kwiintlanga; ulawulo lwakhe luthabathele elwandle luse elwandle, luthabathele kuwo uMlambo* luse eziphelweni zehlabathi.

11 Nawe, ngenxa yegazi lomnqophiso wakho, ndiyabandulula ababanjiweyo bakho, baphume emhadini ongenamanzi.

Intsikelelo yeNkosi kuYuda nakuSirayeli

12 Buyelani enqabeni, babanjwandini banethemba; nanamhla ndiyaxela, ndithi, Ndiya kukubuyisela ngokuphindiweyo.

13 Ngokuba ndimgobile uYuda, isaphetha sam; ndimfakile uEfrayim, utolo lwam; ndiya kubaxhokonxa oonyana bakho, Ziyon, koonyana bakho, Yavan,* ndikwenze ube njengekrele legorha.

14 UYehova uya kubonakala phezu kwabo, luphume njengombane utolo lwakhe; iNkosi uYehova iya kuvuthela isigodlo, ihambe ngemimoya evuthuzayo yasezantsi.

15 UYehova wemikhosi uya kubakhusela ngaphezulu, badle, banyathele amatye okusawula, basele, baxokozele ngokwasewayinini; bazale ngokweengqayi, ngokweembombo zesibingelelo.

16 Wóbasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi; ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe.

17 Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo! Ingqolowa iya konwabisa umlisela, iwayini entsha iwonwabise umthinjana.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14