Uzekariya 7 XHO75

Umbuzo ngozilo

1 Kwathi ngomnyaka wesiné kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesiné lwenyanga yesithoba, enguKisilevu.

2 IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,

3 bathèthe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilíle na, ndizíle na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenzé ngako le minyaka ingaka?

4 Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,

5 Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?

6 Xa benisidla naxa benisela, bekungàdli nina na, bekungàseli nina na?

7 Beningàfanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?

Ukuthinjwa kusisiphumo sentswelantobeko

8 Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,

9 Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe.

10 Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu.

11 Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, àbeva.

12 Intliziyo yabo báyenza idayiman,* ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.

13 Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.

14 Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14