Uzekariya 11 XHO75

Abalusi abakhohlakeleyo bakaSirayeli

1 Vula amasango akho, Lebhanon, uyitshise ngomlilo imisedare* yakho.

2 Bhomboloza, msipres,* ngokuba kuwé umsedare, ngenxa yokuba iingangamsha zibhuqiwe. Bhombolozani, mioki* yaseBhashan, ngokuba lihlahliwe ihlathi elinwabileyo.

3 Yivani ukubhomboloza kwabalusi, ngokuba bubhuqiwe ubungangamsha babo! Yivani ukubharhula kweengonyama ezintsha, ngokuba libhuqiwe iqhayiya laseYordan!

4 Watsho uYehova uThixo wam, ukuthi, Yalusa umhlambi wezixhelwayo;

5 obathengi bawo bawubulalayo, bathi àbanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo àbawucongi.

6 Ngoku ba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.

7 Ndawalúsa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi.

8 Ndathabatha iintonga zambini, enye ndathi nguMnandi, enye ndathi nguZintya; ndawalúsa ke umhlambi. Ndabetha bathi shwaka abalusi abathathu nganyanga-nye; ndazekaneka ngabo, ndanezothe kubo.

9 Ndathi, Andiyi kunalusa; efayo mayife; nethi shwaka mayithi shwaka, neziseleyo mazidlane inyama.

10 Ndathabatha intonga yam, uMnandi, ndayaphula, ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endanqophisana ngawo nezizwe zonke.

11 Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli.

12 Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.

13 Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingenganganí, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova.

14 Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.

15 Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane.

16 Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo.

17 Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14