1 Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni:
2 ndiyakhunga ke, ukuze ndingàthi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndibe ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama.
3 Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;
4 kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizenzenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;