2 Kwabasekorinte 9 XHO75

1 Kuba okunene ngako ukulungiselela abangcwele, akufuneki kona ukuba ndinibhalele.

2 Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abona baninzi.

3 Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu elingáni lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile;

4 hleze kuthi, ukuba bathe bafika nam abelaseMakedoni, banifumana ningekalungi, sidaniswe thina (ukuba asingethi, kudane nina) koko kukholosa kokuqhayisa.

5 Ngoko ndaba kuyafuneka ukubavuselela abazalwana, ukuba basandulele ukuya kuni, bayilungise ngaphambili intsikelelo yenu ebiselixeliwe ngaphambili; ilunge yona ngohlobo lwentsikelelo, ingangi yeyokuvimba.

Indlela yokunikela

6 Qondani ke le nto: Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa.

7 Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo.

8 Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo;

9 njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Wasasaza, wapha abasweleyo;Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade.(INdum. 112:9)

10 Wanga ke angathi, ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu;

11 nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo.

12 Ngokuba ulungiselelo lwaló mbuso alwaneli kuzalisela iintsilelo zabangcwele; lusuka kananjalo luphuphume imibulelo emininzi kuye uThixo;

13 besithi nje, ngako ukucikideka kolo lulungiselelo, bamzukise uThixo ngenxa yokulululamela kwenu uvumo lwenu ngokusingisele kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, nangenxa yokunyanisa kokudlelana kwenu ngokusingisele kubo nakubantu bonke;

14 bakubon' ukuba nabo bayanilangazelela, benikhungela ngenxa yobabalo lukaThixo oluncamisileyo kuni aba.

15 Makubulelwe ke kuThixo ngenxa yesipho sakhe singenambali.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13