2 Kwabasekorinte 6 XHO75

1 Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningàfumane nilwamkele;

2 kuba uthi,Ndakúva ngexesha elamkelekileyo,Ndakúsiza ngomhla wosindiso.(UIsaya 49:8)Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:

3 kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala;

4 sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni, sinemivumbo, sisezintolongweni,

5 siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla, sinobunyulu,

6 sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,

7 sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,

8 sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso;

9 ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singàbulawa noko;

10 ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

11 Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.

12 Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.

13 Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.

Isiyalo sokungavani nabangakholwayo

14 Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?

15 Unakuvumelana kuní na ke uKristu noBheliyali?* Unasahlulelwano siní na okholwayo nongakholwayo?

16 Inakudibana kuní na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.

17 Kungoko ndithi,Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi,Nento engcolileyo ningayichukumisi;(Ulsaya 52:11)Ndandiya kunamkela,

18 Ndibe nguyihlo,Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla.(UYer. 31:1,9)

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13