2 Kwabasekorinte 10 XHO75

UPawulos ilizwi lakhe ulenze lanobuganga langa lelikaThixo

1 Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni:

2 ndiyakhunga ke, ukuze ndingàthi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndibe ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama.

3 Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;

4 kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizenzenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;

5 siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sízithimbela ekumlulameleni uKristu;

6 sízilungiséle ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela.

7 Izinto nizikhangela ngokwembonakalo na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu nathi.

8 Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo;

9 nditsho ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi;

10 ngokuba kuthiwa, Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akùbakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto.

11 Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sinjalo ngako ukuthetha ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho.

12 Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; bona àbanangqondo, bezilinganisela nje kwakubo ngokwabo, bezifanisa nje nabo ngokwabo.

13 Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlinganiselo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni.

14 Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikeleli kuni; kuba sesafikelelayo nakuni sineendaba ezilungileyo zikaKristu.

15 Asiqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwabanye; ke sinethemba, ukuba lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, sigqithisele,

16 side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe.

17 Oqhayisayo ke, makaqhayise ngeNkosi.

18 Kuba oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13