1 Mna ke okwam, ndagqiba kweli lokuba ndingabuyi ndize kuni ndibuhlungu.
2 Kuba mna ukuba ndinenza buhlungu, kusekho bani na ke ondenza ndibe nemihlali, ongenguye lowo wenziwe wabuhlungu kwandim?
3 Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndíkholosile ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.
4 Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.
5 Ke ukuba ubani wenzé kwabuhlungu, akenzé kwabuhlungu mna, wenzé ngenxenye nina nonke; nditsho ukuze ndingamcinezeli.
6 Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwábona baninzi kuni;