4 Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.
5 Ke ukuba ubani wenzé kwabuhlungu, akenzé kwabuhlungu mna, wenzé ngenxenye nina nonke; nditsho ukuze ndingamcinezeli.
6 Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwábona baninzi kuni;
7 ngokokude nithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.
8 Kungoko ndiniyalayo, ndíthi, luzinziseni uthando kuye;
9 kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningábevayo na ezintweni zonke.
10 Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; kuba nam, ukuba ndixolele into endiyixoleleyo, ndenzé ngenxa yenu, phambi kukaKristu;