3 Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo;
4 athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.
5 Kuba asizivakalisi thina, sivakalisa uKristu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina sizivakalisa ukuba singabakhonzi benu ngenxa kaYesu.
6 Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.
7 Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.
8 Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami;
9 Sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa;