1 Ke kaloku, bazalwana, siyanazisa ubabalo lukaThixo oluhlakaziweyo phakathi kwamabandla akwelaseMakedoni;
2 okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo.
3 Ngokuba ndiyangqina ukuba bathe, ngokwamandla abo, ewe nangaphezu kwamandla, banikela ngokuqhutywa yintliziyo, besikhunga,
4 besibongoza kakhulu, ukuba silwamkele ubabalo olo, ubudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele.
5 Abanelanga kwenza njengoko sathemba ngako; bathi kuqala bazinikela eNkosini, baza kamva bazinikela nakuthi ngokuthanda kukaThixo;
6 ngokokude simyale uTito, ukuze athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo.
7 Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo.