2 Intendelezo engaphandle kwetempile yiphose phandle, ungayilinganisi yona; ngokuba inikwe iintlanga; umzi ongcwele ziya kuwunyathelela phantsi iinyanga ezimashumi mané anambini.
3 Ndiya kuwanika amangqina am amabini, aprofete imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu, ethiwe wambu ngeengubo ezirhwexayo.
4 Láwo yile minquma mibini, nezi ziphatho zezibane zibini, zimiyo phambi koThixo womhlaba.
5 Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uzidle uzigqibe iintshaba zawo; nokuba kukho bani unga angawonakalisa, umelwe kukubulawa ngokunjalo.
6 Wona la ánegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo.
7 Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nawo, liweyise, liwabulale.
8 Izidumbu zawo ziya kuba sesitratweni somzi omkhulu, okuthiwa ngokomoya yiSodom neYiputa, apho kananjalo yabethelelwa khona emnqamlezweni iNkosi yawo.