12 Amehlo akhe ke aye enjengelangatye lomlilo, entloko izizithsaba ezininzi; enegama libhaliwe, elingàziwa namnye ungenguye.
13 Yena wayethiwe wambu ngengubo ethiwe nkxu egazini; igama lakhe kuthiwa nguLizwi likaThixo.
14 Yaye imikhosi esemazulwini imlandela, ikumahashe amhlophe, bambethe ilinen ecikizekileyo, eqaqambileyo, emhlophe.
15 Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, ukuze azithi qwaka ngalo iintlanga. Yena uya kuzalúsa ngentonga yentsimbi; yena unyathela isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla.
16 Engutyeni yakhe nasethangéni lakhe wayenegama libhaliwe kwathiwa, UKUMKANI KAKUMKANI, UNKOSI KANKOSI.
17 Ndabona sithunywa sithile sasezulwini, simi elangeni; sadanduluka ngezwi elikhulu, sisithi kuzo zonke iintaka eziphaphazelayo esazulwini sezulu, Yizani nizihlanganisele esidlweni sikaThixo omkhulu;
18 ukuze nidle inyama yookumkani, nenyama yabathetheli-waka, nenyama yamagorha, nenyama yamahashe, neyabakhweli bawo, nenyama yabo bonke abakhululekileyo nabangamakhoboka, neyabancinane neyabakhulu.