1 Emva koko ndabona izithunywa zezulu ziziné, zimi ezimbombeni zoné zomhlaba, zibambe imimoya yominé yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke.
2 Ndabona esinye isithunywa sezulu, sinyuka sivela empumalanga, sinetywina likaThixo ophilileyo. Sadanduluka ngezwi elikhulu kuzo izithunywa zezulu zoziné, ezanikwa igunya lokuwonakalisa umhlaba nolwandle, sisithi,
3 Musani ukuwona umhlaba, nolwandle, nemithi, side sibatywine abakhonzi boThixo wethu emabunzini abo.
4 Ndaliva inani labo babetywiniwe: kwatywinwa ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.
5 Esizweni sakwaYuda kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaRubhen kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaGadi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.