6 Esizweni sakwa-Ashere kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaNafetali kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaManase kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
7 Esizweni sakwaSimon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaLevi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaIsakare kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
8 Esizweni sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaYosefu kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
9 Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,
10 bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi:Usindiso kuye uThixo wethu,Lowo uhleli phezu kwetrone,Nakuyo iMvana!
11 Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenzé isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zoné, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo,
12 zaqubuda kuye uThixo, zisithi:Amen,Ukubongwa, nozuko, nobulumko,Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela,Makube kuye uThixo wethu,Kuse emaphakadeni asemaphakadeni!Amen.