15 Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi,
16 Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza naboEmva kwaloo mihla, itsho iNkosi,Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo,Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,
17 Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula.(UYer. 31:33,34)
18 Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
19 Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha,
20 ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe;
21 sínombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo: