18 Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
19 Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha,
20 ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe;
21 sínombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo:
22 masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sínenzaliseko yokholo, sífefiwe iintliziyo zethu, sísusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe,
23 silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga.
24 Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle;