1 Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.
2 Kuba amanyange ángqinelwa ngokuba nalo olo.
3 Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.
4 Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo ogqithileyo kunokaKayin, awangqinelwa ngawo ukuba ulilungisa, uThixo wayingqinelayo nje iminikelo yakhe; ngalo ke, efile nje, usathetha.